U
 
REBECCA Malope ufuna ihlabathi jikelele lazi ukuba akaphumanga ngqina yokuzifunela indoda! Sithetha nje uthenjiswe umtshato ngumfo waKwaZulu-Natal angafunanga kulithi pahaha igama lakhe - phofu ke uye wathembisa ukuba uza kubaxelela abafundi beBONA kungekudala!
lngxelo eyaphuma kwiphepha-ndaba lithile eyayisithi uMalope ulilolo elifuna iqabane yenza wafumana iminxeba neeleta ezininzi ezivela emadodeni acela ukumtshata.
Yayingamampunge nje lawo. Mna ndiyazi ukuba xa

32 BONA XHOSA -    March 2000
  uMalope uzimisele ukwenza lo nyaka wokuqala wenkulungwane entsha ube ingunyaka okhethekileyo - kwezothando, kubomi bosapho nangokukhupha icwecwe Iakhe elitsha. Yeyona ndlela entle leyo yokuceba ukuchitha imali ngokuthenqa iimpahla ezintsha!
Uceba lukhuIu uMalope kule
sele nditshata ndiza kutshata ngokupheleleyo kuba umntu endiza kutshata naye uyandithanda kwaye nam ndiyamthanda - oko ke kubonisa ukuba andililo ilolo elingenaye umntu olithandayo!
Uthe esonwatyiswe kukulinganisa iilokhwe zomtshato, waziva sele ephahlukile wasixelela ukuba umtshato wabo usikelelwe ngabefundisi babo bobabini. Bendisoloko ndifuna ukutshata nendoda ezinikeleyo elukholweni, Kaloku emtshatweni nifanele
. ngayo.
BONA XHOSA -  March 2000 33
Emva kokusweleka komsakwethu, iintombi zakhe ezimbini ezineminyaka esixhenxe nelishumi nanye zeza kuhlala nam, waza owesithathu oyinkwenkwe waya kuhlala noyise.
Emva kokusebenza nzima

Bhiyozani nam - u Malope uyilindele ngomdla inkulungwane entsha ethembisa ukuba yeyolonwabo.

34 BONA XHOSA -  March 2000
estudiyo emini ndiyathanda ukufika ekhaya ndihlale nabantwana. Ukuba nguMalope oyindwalutho ndikushiya phandle ndingene endlwini ndifana nabo bonke oomama bekhaya -ndenze umsebenzi wesikolo nabantwana, ndibenzele ukutya kwasesikolweni ,ukanti ndiyabalanda nokubalanda esikolweni , utshilo uMalope.
Njengoko uMalope eluqonda uxanduva ajamelene nalo, uyavuma ukuba bekuya kuba lula ukuba ebenomyeni omncedisayo nothetha naye ngeengxaki zabantwana. phofu ke 
Ucebi lukhulu Malope kule
nekungoku nje emaxhaphetshu necwecwe layo elitsha lomculo wegospile eliza kukhutshwa ngePasika .
UMalope umbona etyhileka ebusweni xa ethetha ngecwecwe lakhe elitsha kwaye ukhawuleze wandixelela ukuba liza kuba neengoma ezili-12 ukuya kwezili-14 abaziqulunqe njengeqela.
Eli cwecwe Iinika ithemba nenkuthazo kumawaka-waka abantu abanoloyiko lwento abayiphathelwe yile nkulungwane intsha. Kaloku uYesu wazalwa kwiminyaka engama-2000 edlulileyo ngoko siwubona lo nyaka ingowolonwabo nemincili  lingoma ezikweli cwecwe zinika ithemba ngoxa zikwabalula ukubaluleka nentsingiselo yobomi.
Uninzi lwabafandeli lumangalisiwe kukomelela kokholo lukaRebecca nangona kukho izinto ezibuhlungu ezikhe zamhlela, eziquka ukusweleka komsakwabo nonina.
Kaloku zithi iinzingo zeli hlabathi zakuhlasela ndibhenele kwincwadi emlom' ubomvu - iBhayibhile , kuba yeyona inazo zonke izisombululo. Ndiyaqonda ukuba nabanye abantu banezabo iinzingo, ngoko ndiyathemba ukuba icwecwe lam
elitsha liza kuzisa ithemba elitsha ebantwini baseMzantsi Afrika, utshilo Malope.
Ukususela oko wagqwesa kwiShell Road To Fame Talent Search ngo-1987 eneminyaka eli-17, Malope ube nempumelelo emangalisayo emculweni nemenze wayindwalutho kwihlabathi liphela. Uyakwazi nokudlala ipiyano , nto leyo imenza abandakanyeke ngokupheleleyo emculweni wakhe, ukanti uyazibhalela namazwi eengoma zakhe ezininzi.
Xa ndingenzi nto ekhaya ndizivalela estudiyo ndidlale ipiyano iiyure ezininzi. Maxa wambi ndide ndingazi nexesha ukuba kunini kuba ndiyayithanda into endiyenzayo utsho uMalope.
Nangona kunjalo, uMalope akasoloko esebenza lonke ixesha, kwaye sithe sakuncoma ubuhle besuti ebeyinxibile waqala ukusichazela ukuba uyakuthanda ukuthenga impahla yokunxiba xa engaxakekanga.
Ndiyayithanda impahla entle nokuyithenga: utshilo edlamkile. Kwaye ivenkile athanda ukuthenga kuyo kusePaloma eRosebank MaIl . Sifike kule venkile wabuliswa okomhlobo ngumncedi wabathengi
oyaziyo into ethandwa nguMalope . Sithe sisancokola ngempahla
wasilinganisela ilokhwe engayiwayo yomtshato enesikeyiti esikruqa phantsi. Sithe sisabukele Ioo nto wayikhulula loo Iokhwe emva kokubona isuti entle eluhlaza.
UMalope onesiqu esilingeneyo usoloko ethenga impahla eza kumfanela, phofu ke uyayazi indlela yokunxiba.
Xa ndihlel' ekhaya ngempela-veki nabantwana, ndiyathanda ukunxiba nje izinto ezinjengedangara  ,  ihempe  ,  iiteki ndithwale nekepsi .
Nokuba anganxiba njani na uMalope usoloko efanelwa yiloo nto ayinxibileyo. Njengoko ndibonwa njengomzekelo ngabantu abaninzi, nantoni na endiyitshoyo nendiyenzayo iyalinganiswa ngabantu. Ngoko kubalulekile ukuba ndisoloko ndingumzekelo omhle.
Kwaye oko kaMalope kukwathetha ukuba ubomi bakhe bangasese makasoloko ebugcine buyindaba yakwamkhozi!
Phofu ke iBONA iya kufumana isimemo sokuqala somtshato wam:
uthembise watsho, esitsho nokuthi kungenzeka oko kwenzeke msinya kunokuba abantu becinga. 
